User:Sincoty/sandbox

From Wikipedia, the free encyclopedia





Isiko Lolwaluko[edit]

Isiko lowaluko lisiko elithi lenzelwe umntwana ongumfana kokwabo.Ubudoda obu abukhulelwa koko umntu uzibhentsisa ngezenzo zakhe ukuba uyindoda na nokuba akasiyiyo. Eli siko libonakalisa ukuba umntwana uphumile ebukhwenkweni waza wangena ebudodeni. Eli siko lithi lenziwe umntwana xa ezayokuqala ukuphangela egqibile imfundo. Oku yayikokwenziwa mandulo kodwa kule mihla umntwana uthi wakuzi bona okanye xa bethe bavumelana nabazali ngesi sigquibo umntwana ahambe ayokucela iimpepha esibhedlele. Ezimpepha zithi zikhusele abakhwetha ekubanjweni ngamapolisa ngezithyolo zolwaphulo mthetho. Xa zithe za lungiswa ezimpepha umntwana ukulungele ukuhamba. Umntwana uthi atshintshe zonke izinto zobukhwenkwe. Oku kuquka impahla, ismilo, indlela yokuziphatha nako. umntwana oyinkwenkwe uye athathwe kokwabo ayokuhlala kindwawo efihlakeleyo kwizindlu okanye ethe qelele. uthiwakufika apha oluswe, umntu oluse lo mntwana uye anikwe yingcibi.[1]

Amakrwala
Emgidini abantu abangoomama

Ingcibi Kunye NeKhankatha[edit]

Ingcibi[edit]

Ingcibi ithi yoluse unyana kukwelixesha apho aqale afumane igama elithi mkhwetha. Ingcibi iye ibe ngumntu onolwazi kwaye owulungeleyo lo msebenzi. Ithi yakugqiba umsebenzi wokwalusa anikele kwikhankatha lokuqala.

Isinxibo somama ngomgidi

Ikhankatha[edit]

Ikhankatha ngumntu othi agcine umkhwetha, uye amgade kude kufikelele ixesha lokuphuma, ikwanguye oye abone xa umkhwetha ukuba angagoduka.ikhankatha linxanduva lokujongana nempilo yomkhwetha. Ngokwa kwaXhosa makhankatha ebeye abemabini. Elokuqala liye limgcine umkhwetha de ayokojiswa. umkhwetha uye ojiswe emva kweentsuku ezisixhenxe. Emva kosuku lwesixhenxe elesibini liye lithathe apho elokuqala beliyeke khona. liyakuthi kengoku lona limgcine ade ayo kuphuma esuthwini. liye ikhankatha lifumane imali

Inqalathi[edit]

Inqalathi ngumntwana othi asele umkhwetha ukutya phaya esuthwini. Lidla ngokuthi lifumane iimpahla zomkhwetha zobukhwenkwe. Kuye kuye kubekho imithetho nemiqathango inqalathi ekufuke liyilandele. Lemiqathanga iquka oku kulandelayo: inqalathi alihambe lisisma lihamba lide liyokufika ebakhwetheni, inqalathi xa lifika ebakhwetheni lithi likongule ukutya, oku kukuqinisekisa ukuba akukhonto ingalunganga ngokutya. Inqalathi likwa yindlela yoqhagamishelwano phakathi komkhwetha nosapho lwakhe.

Ukutya Nemithetho Yasebakhwetheni[edit]

Iveki Yokuqala[edit]

Kwiveki yokuqala umkhwetha uthi atyiswe umngqusho okanye irayisi emhlophe. Ukutya okuthunyelwa umkhwetha kufuneka kome kwaye kungavuthwa ncam.

Ukutya[edit]

Umkhwetha emva kokojiswa usye afumane ilungelo lokutya ezinye izidlo. Umthetho uthi inqalathi alimi nokutya, alijiki nokutya kwaye alikubeki phantsi ukutya komkhwetha. nangona umkhwetha ekwazi ukutya okunye kodwa oku kutya akufunekanga kubenamani amaninzi. Oku kuya kuthi kwenze umkhwetha angaphili ngokukhawuleza esuthwini.

Amanzi[edit]

Amanzi umkhwetha yinto ekufuneka azame ukungayisebenzisi kakhulu. Ngenxa yokuba enza umkhwetha ahl;ale ixesha elide ukuba uyawasela. Ikhankatha liyakwazi ukubona ukuba umkhwetha uyawasela na amanzi. Ikhankatha liyakuthi limohlwaye okanye limnqande umkhwetha ngokusebenzisa amaninzi.

Ukuzatha[edit]

Ebakhwetheni amaxa amaninzi umntu uye ohlwaywe ngokubethwa. Xa umntu ebethwa kuye kuthiwe uyazatha. Umntu uzathwa ethe akalandela imithetho ethe yabekwa, okanye xa ethe wenza okungavumelekanga ebakhwetheni.

Ukojiswa[edit]

Umkhwetha mandulo ebeye ojiswe emva kweentsuku ezisixhenxe. Kodwa ke kule mihla iye ihambe ngokwekhaya umkhwetha asuka kulo. Xa umkhwetha esojiswa kuye kuxhelwe igusha okanye ibhkhwwe, ukanti maxa wambi kusetyenziswe iinkobe endaweni yegusha nebhokhwe. Ekojisweni abantu ngabantu baye babene ndawo abazityayo nebaye bazinikwe. Inqalathi liye lifumne intamo, umkhwetha uye ashiyelwe umkhono, amaphakathi(amathumbu, isbindi njalonjalo) kunye namanqina athi aye kulo mkhwetha.Kwaya ithi ingafakwa ityiwa kwinyama yomkhwetha. Kwamakhay athi angabinayo imali yokojisa umkhwetha, umkhwetha uye ojiswe ngeenkobe. Emva kokuba umkhwetha ojisiwe uye okokuqala oko engenile ahambe ayokuhlamba.

Ubomi Basebakhwetheni[edit]

Ebakhwetheni kukho indlela yokwenza izinto ngokomthetho owathi wasekwa kwasekusekweni kwelisiko. Oku kuquka ulwimi nendlela yokwenza izinto. Amanqalathi xa ezakudlula ebhomani lakhe nawuphi na umkhwetha kufuneka acele imvume yokudlula kuloomkhwetha weloobhoma. Amanye amagama athi asetyenziswe ebakhwetheni aquka anga: amanzi kuthwa yimvotho umntu ongumama otshatileyo sisigqwathikazi njalo njalo. Ebakhwetheni akulalwa ebusuku amaxa amaninzi, bayahlala bombhele ubusuku bonke. Baye bafundisane ulwimi lwamakrala bencedisana kwiziphene umntu anokuthi agagane nazo xa sele ephumile esuthwini edibana nabanye abakhwetha.

Ukubuya[edit]

Phambi kokuba umkhwetha abuyele kokwabo kuye kwenziwe ingcakaza. Ingacakaza yenziwa ebusuku abe yena umkhwetha ephuma kusuku olulandelayo. Kwingcakaza kuye kubhiyozelwe uhambo lomkhwetha kwisiko lolwaluko. Umkhwetha uthi ahambe ekuzenikusa kusemnyama. Ufike alale ixeshana kube sekufuneka alungiselele ukubuyela ekhaya. Uye avuke ahlambe abe sesombathiswa iragi.

Endleleni Ebuyela Ekhaya[edit]

Endleleni ebuyela ekhay umkhwetha uye azigqume ade ayokufika kokwabo. Apha endleleni amanye amdoda ahambe equla. kuye kombhelwe iingoma ngeengoma eziquka usomagwaza no size naye. inqalathi nalo lihamba apha ecaleni kukamkhwetha lombhahiswe ingubo nje ngomkhwetha.

Amalungiselelo[edit]

Isithuba esingangeveki nangaphantsi phambi kokuba umkhwetha aphume kuye kusilwe umqombothi. Lo mqombothi uti uselwe ngomgidi. Uthi ugalelwe kwiibhekile ezahlukeneyo Unikwe abantu obafaneleyo. Kuye kuthengwe neebranti ezi nento ezizithethayo.

Umgidi[edit]

Uthi umkhwetha xa ezakufika kokwabo abafazin noomama abakumgidi bakhalise ingqongqo balilizele bacule neengoma zakwantu. Baye banxibe imibhaco bachokoze ubuso bathwale neeqhiya. Abakhwetha bathi bakufika endlini okanye kulomkhwetha uqale umgidi. Emva kokuba unkhwetha efikile kokwabo uye ahambe ayokungena ebuhlanti, ebuhlanti ufika elindwe ngootata belali. Ootata belali bathi bayale umkhwetha bathi bakugqiba bamsoke. Ukusoka kuxa umkhwetha efumana izipho, ezi zipho zingabanentsingiselo ehambisana nokuyala okusuka kuloo mntu okanye ingaba sisipho nje. Emva kokuba egqibile ukuyalwa umkhwetha ngamadoda uye ahambe ayokuyalwa ngoomama. Nabo oomama baye basoke. Emigidini kuthi kuxhelwe amaxa amaninzi iye ibe yinkomo exhelwayo okanye igusha. Le nyama ithi yabiwe ngezithebe ngezithebe. Oku kunjalo ngomqombothi neebranti. [2]

Ulwaluko Kwimihla Esiphila Kuyo[edit]

Kule mihla ulwaluko alusafani nendlela olwalusenziwa ngayo kudala. Impilo yasebakhwetheni iyagxekwa zezempilo ngenxa yongacoceki. Oku kukhokhela ekubeni abantu abaninzi baswelekele ebakhwetheni. Icandelo lezempilo lwaseMzantsi Afrika lucebisa ukuba ulwaluko lwenziwe esibhedlele apho kucoceke khona. Kodwa isizwe samaXhosa asifuni kulilandela elicebo ngenxa yezinto ezenzeka ebakhwetheni othe waya esibhedlele akakwazi kuziva. Ngenxa yoku amaXhosa awamboni njengendoda umntu olukele esibhedlele. Iingxelo ezenziwe ziingcaphe ziveza ukuba ulwaluko lwehlisa izinga lokusuleleka yingculaza ngomyinge ongashumi asithandathu ekhulwini. Ulwaluko luthe lwathathwa nazezinye iintlanga kodwa intsingiselo ayifani.

References[edit]

  1. ^ . 07/08/2014 [www.isigidimi.co.za/index.php?cid=&pid=192 www.isigidimi.co.za/index.php?cid=&pid=192]. Retrieved 07/08/2014. {{cite web}}: Check |url= value (help); Check date values in: |accessdate= and |date= (help); Missing or empty |title= (help)
  2. ^ http://www.circumstitions.com/tribal.html